Iindumiso 37:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Mus' ukuziduba ngamatshijolo wena,ungabamoneli abenzi bobubi.

2. Kwakamsinya baya kubuna njengengca,bavuthuluke njengamagqabi.

3. Thembela *kuNdikhoyo wena, wenze okulungileyo;uya kuba sisima-mhlaba, ube nekamva.

4. Zonwabise ngokululamela uNdikhoyo;wokunika umnqweno wentliziyo yakho.

5. Zilahlele kuNdikhoyo, ukholose ngaye;yena ke wokwenzelelela.

6. Wobutyhila bukhanye njengelanga ubulungisa bakho,kucace mhlophe ukulunga kwakho.

7. Zola phambi koNdikhoyo, ulindele kuye,ungazidubi ngabantu abaphumelela ngamaqhinga.

8. Zilumle emsindweni, uyilahle ingqumbo,ungazidub' umphefumlo, hleze unxunguphale.

Iindumiso 37