7. Kaloku bebendigcayisele ndingenzanga nto,befun' ukunditshonisa emhadini kungekho sizathu.
8. Mabatshabalale ngequbuliso bengekaqondi,barhintyelwe nguloo mgibe bebendigcayisele ngawo,beyele kuwo, batshabalale.
9. Ndovuya ke, ndichulumache,kuba uNdikhoyo undihlangule.
10. Ndothi ngomxhelo wonke: “Akakho onjengawe, Ndikhoyo.”Wena uhlangula iindwayi kwabanamandla kunazo,ukhusele indwayinge kubacinezeli.
11. Kuvele amangqina athetha ulwimi ngam,andinkqangisa ngezinto endingazaziyo;
12. andibuyekeza ubuhle ngobubi,ndatsho ndaphelelwa lithemba.
13. Kodwa mna, okuya babegula, ndambatha ezirhwexayo,ndazicinezela nangokuzila ukutya, ndithandaza ngentobeko.
14. Ndangathi ndithandazela umhlobo wam nomntakwethu;ndathokombisa intloko ngokungathi ndizilela umama.
15. Ndithe ke ndakuba sengxakini,baqokelelana bandihleba,ndanyeliswa nazizinto endingazaziyo.
16. Bandenza intlekisa, bandingcungcuthekisa,bendijamela ngentiyokazi enkulu.
17. Koda kube nini na kodwa ubukele, Ndikhoyo?Nceda ndihlangule kwabandiqwengayo;busindise ubomi bam kwezi ngonyama.
18. Ndokubonga phakathi kwebandla,ndikuncome esidlangalaleni.
19. Mazingandivuyeleli ngobuxoki iintshaba zam,bangandisinekeli abo bandithiya ndingenatyala.
20. Bona abathethi ngemibandela yoxolo,koko bayila ubuxoki ngabathand' uxolo.
21. Bandivuyelela besithi: “Heke! Sikubhaqile!”