Iindumiso 35:4-11 Ibhayibhile (XHO96)

4. Mabahlazeke, badane abandizungulayo;mabajike bedidekile abo bandenzela amayelenqe.

5. Mababe njengenkunkuma ephetshethwa ngumoya,sibaqweqwedise isithunywa sikaNdikhoyo.

6. Mayingacaci indlela yabo, mayibe mtyibilizi;masibasukele isithunywa sikaNdikhoyo.

7. Kaloku bebendigcayisele ndingenzanga nto,befun' ukunditshonisa emhadini kungekho sizathu.

8. Mabatshabalale ngequbuliso bengekaqondi,barhintyelwe nguloo mgibe bebendigcayisele ngawo,beyele kuwo, batshabalale.

9. Ndovuya ke, ndichulumache,kuba uNdikhoyo undihlangule.

10. Ndothi ngomxhelo wonke: “Akakho onjengawe, Ndikhoyo.”Wena uhlangula iindwayi kwabanamandla kunazo,ukhusele indwayinge kubacinezeli.

11. Kuvele amangqina athetha ulwimi ngam,andinkqangisa ngezinto endingazaziyo;

Iindumiso 35