Iindumiso 35:12-22 Ibhayibhile (XHO96)

12. andibuyekeza ubuhle ngobubi,ndatsho ndaphelelwa lithemba.

13. Kodwa mna, okuya babegula, ndambatha ezirhwexayo,ndazicinezela nangokuzila ukutya, ndithandaza ngentobeko.

14. Ndangathi ndithandazela umhlobo wam nomntakwethu;ndathokombisa intloko ngokungathi ndizilela umama.

15. Ndithe ke ndakuba sengxakini,baqokelelana bandihleba,ndanyeliswa nazizinto endingazaziyo.

16. Bandenza intlekisa, bandingcungcuthekisa,bendijamela ngentiyokazi enkulu.

17. Koda kube nini na kodwa ubukele, Ndikhoyo?Nceda ndihlangule kwabandiqwengayo;busindise ubomi bam kwezi ngonyama.

18. Ndokubonga phakathi kwebandla,ndikuncome esidlangalaleni.

19. Mazingandivuyeleli ngobuxoki iintshaba zam,bangandisinekeli abo bandithiya ndingenatyala.

20. Bona abathethi ngemibandela yoxolo,koko bayila ubuxoki ngabathand' uxolo.

21. Bandivuyelela besithi: “Heke! Sikubhaqile!”

22. Ndikhoyo, nguwe ingqina lam, mus' ukuthi tu!Nkosi yam, mus' ukuchasela!

Iindumiso 35