Iindumiso 34:5-18 Ibhayibhile (XHO96)

5. Abacinezelweyo bathembela kuNdikhoyo, bagcobe;ewe, abasayi kuze badakumbe bona.

6. Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo.

7. Bonke abahlonela uNdikhoyo isithunywa sakhe siyabakhusela, sibahlangule.

8. Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo!

9. Mhloneleni uNdikhoyo, nina milowo yakwakhe,kuba abayi kuswela nto abo bamhlonelayo.

10. Neengonyama ziyaswela zilambe,kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.

11. Yizani, lusatshana; ndiphulaphuleni;ndonifundisa ukuhlonela uNdikhoyo.

12. Lowo unga angadla ubomi, abe nenkqubela,lowo unga angafumana imihla emnandi,

13. makazilumle ekuthetheni kakubi,ayeke ukuthetha ubuxoki;

14. makahlukane nobubi, enze okulungileyo;makaphuthume uxolo, ahlale kulo.

15. Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,uyayiva imithandazo yawo;

16. kodwa ubafulathele abenzi bobubi,abaphanzise bangabi sakhunjulwa emhlabeni.

17. Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.

18. UNdikhoyo ukufuphi nĂ¢bo badakumbileyo,ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba.

Iindumiso 34