18. UNdikhoyo ukufuphi nâbo badakumbileyo,ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba.
19. Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo;
20. uwagcina onke amathambo alo,kungaphuki nalinye kuwo.
21. Abantw' abagwenxa bobulawa ngobubi babo,bagwetywe abo balithiyayo ilungisa.
22. UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa.