Iindumiso 34:10-22 Ibhayibhile (XHO96)

10. Neengonyama ziyaswela zilambe,kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.

11. Yizani, lusatshana; ndiphulaphuleni;ndonifundisa ukuhlonela uNdikhoyo.

12. Lowo unga angadla ubomi, abe nenkqubela,lowo unga angafumana imihla emnandi,

13. makazilumle ekuthetheni kakubi,ayeke ukuthetha ubuxoki;

14. makahlukane nobubi, enze okulungileyo;makaphuthume uxolo, ahlale kulo.

15. Kaloku uNdikhoyo uwalusile amalungisa,uyayiva imithandazo yawo;

16. kodwa ubafulathele abenzi bobubi,abaphanzise bangabi sakhunjulwa emhlabeni.

17. Uyaweva amalungisa akuzibika kuye,awakhulule kuzo zonke iinzima zawo.

18. UNdikhoyo ukufuphi nĂ¢bo badakumbileyo,ebaphakamisa abo baphelelwe lithemba.

19. Zininzi iingxaki ezivelela ilungisa,kodwa uyalikhulula kuzo zonke uNdikhoyo;

20. uwagcina onke amathambo alo,kungaphuki nalinye kuwo.

21. Abantw' abagwenxa bobulawa ngobubi babo,bagwetywe abo balithiyayo ilungisa.

22. UNdikhoyo wozihlangula izicaka zakhe;bonke abakholose ngaye abayi kugwetywa.

Iindumiso 34