Iindumiso 34:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndohlala ndimbonga *uNdikhoyo;andisayi kuyeka ukumdumisa.

2. Ndoqhayisa ngezinto andenzele zona uNdikhoyo,batsho bavuye abo babandezelekileyo.

3. Mbongeni uNdikhoyo, kunye nam;masilidumise kunye igama lakhe.

4. Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva,wandikhulula kuko konke ukoyika kwam.

Iindumiso 34