1. Ndohlala ndimbonga *uNdikhoyo;andisayi kuyeka ukumdumisa.
2. Ndoqhayisa ngezinto andenzele zona uNdikhoyo,batsho bavuye abo babandezelekileyo.
3. Mbongeni uNdikhoyo, kunye nam;masilidumise kunye igama lakhe.
4. Ndazibika kuNdikhoyo waza wandiva,wandikhulula kuko konke ukoyika kwam.
5. Abacinezelweyo bathembela kuNdikhoyo, bagcobe;ewe, abasayi kuze badakumbe bona.
6. Lwazibika udwayi, waluva uNdikhoyo,walukhupha kuzo zonke iinkxwaleko zalo.
7. Bonke abahlonela uNdikhoyo isithunywa sakhe siyabakhusela, sibahlangule.
8. Khanibuxhamle ububele bukaNdikhoyo;ngenene unoyolo umntu othembela ngoNdikhoyo!
9. Mhloneleni uNdikhoyo, nina milowo yakwakhe,kuba abayi kuswela nto abo bamhlonelayo.
10. Neengonyama ziyaswela zilambe,kodwa abo bamfunayo uNdikhoyo akukho nto intle bayiswelayo.
11. Yizani, lusatshana; ndiphulaphuleni;ndonifundisa ukuhlonela uNdikhoyo.
12. Lowo unga angadla ubomi, abe nenkqubela,lowo unga angafumana imihla emnandi,
13. makazilumle ekuthetheni kakubi,ayeke ukuthetha ubuxoki;