Iindumiso 33:5-12 Ibhayibhile (XHO96)

5. UNdikhoyo uyakuthanda ukunyaniseka nokulunga;lizele ihlabathi zizibele zakhe.

6. Wathetha nje ngelizwi, akho amazulu,wadala ilanga, inyanga, noozinkwenkwezi.

7. Wawaqokelela amanzi olwandle ngathi uwatha eselweni,wazivalela iinzulu zolwandle ngathi kukoovimba.

8. Malimbong' uNdikhoyo lonke ihlabathi,bamhlonele bonke abemi balo.

9. Wathetha kaloku, laza ladalwa;wawisa umyalelo, kwatsho kwavel' indalo.

10. Uyawaphuthisa uNdikhoyo amayelenqe ezizwe,awaphanzise amacebo eentlanga.

11. Kodwa awakhe amacebo ohlala ehleli;zohlala zikho iingcinga zakhe kude kube nini-nini.

12. Sinoyolo isizwe esiThixo unguNdikhoyo,eso asinyule sangabantu bakhe.

Iindumiso 33