Iindumiso 33:10-18 Ibhayibhile (XHO96)

10. Uyawaphuthisa uNdikhoyo amayelenqe ezizwe,awaphanzise amacebo eentlanga.

11. Kodwa awakhe amacebo ohlala ehleli;zohlala zikho iingcinga zakhe kude kube nini-nini.

12. Sinoyolo isizwe esiThixo unguNdikhoyo,eso asinyule sangabantu bakhe.

13. Wondela phantsi uNdikhoyo esezulwini,ababone bonke oonyana babantu.

14. Ubaqwalasele bonke abemi behlabathi,engqendeve kwibhotwe lakhe.

15. Zidalwe nguye iintliziyo zabo;uyazazi zonke izinto abazenzayo.

16. Asimkhosi mkhulu ohlangula ikumkani;asimandla agorha alisindisayo.

17. Akuthenjelwa ngahashe edabini,kungemandla alo amsindisayo umntu.

18. UNdikhoyo uyabanakekela abo bamhlonelayonabo bathembe izibele zenceba yakhe,

Iindumiso 33