Iindumiso 31:17-21 Ibhayibhile (XHO96)

17. Mandingadani konke, Ndikhoyo, xa ndizibika kuwe;mabadane abantw' abagwenxa, banyoshoze baye kufa.

18. Watsho athi cwaka amaxoki,wona anyelisa amalungisa ngeentetho zolunya nendelelo.

19. Hayi ubuhle bezinto ozigcinele abo bakuhlonelayo, Ndikhoyo;zintle kambe izinto ozenzela abo bakholose ngawe!

20. Uyabakhusela ngobukho bakho kumayelenqe abantu,ubagushe phantsi kwephiko lakho, bangagxijwa ziintshaba.

21. Makabongwe uNdikhoyo,kuba undenzele ububele obungummangaliso,xa ndandixiniwe, ndihlaselwa.

Iindumiso 31