Iindumiso 3:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. *Ndikhoyo, hay' ukuba ninzi kwazo iintshaba zam!Ewe, zindivukela zinguMbo nomXesibe.

2. Zide zithi xa zithetha ngam:“Naloo Thixo wakhe akamhlanguli konke!”

3. Kambe ke, wena Ndikhoyo, ulikhaka lam.Usisidima sam; undenza ndibe neqhayiya.

4. Ndiyakhala, ndibhenele kuNdikhoyo,andiphendule esentabeni yakhe eyodwa.

5. Ndiyaphumla, ndilale ubuthongo,ndibuye ndivuke, kuba uNdikhoyo uyandixhasa.

6. Andiwoyiki amawaka-waka eentshaba,naxa zindirhawule nje, zindingqonge macal' onke.

7. Khawuphakame ume, Ndikhoyo!Ndisindise, Thixo wam!Kaloku nguwe ozoyisayo zonk' iintshaba zam;ewe, nguwe ozaphul' iimpondo iintshaba zam.

8. Ukuhlangulwa kuvela kuwe, Ndikhoyo;khawubathamsanqele ke abantu bakho!

Iindumiso 3