Iindumiso 25:19-22 Ibhayibhile (XHO96)

19. Zigqale ubuninzi bazo iintshaba zam,nendlela ebuhlungu ezindiphethe ngayo ngolunya.

20. Bukhusele ubomi bam, undihlangule;mandingadaniswa kaloku, kuba ndithembele ngawe.

21. Mandihlale ndingasoleki ndililungisa,kuba kaloku ithemba lam likuwe.

22. Bakhulule, Thixo, abantu bakho amaSirayelikuzo zonke iimbandezelo zabo.

Iindumiso 25