1. Ndiwuphakamisela kuwe, *Ndikhoyo, umphefumlo wam;
2. Thixo wam, ndithembele kuwe.Mandingakhe ndidane konke;mazingakhe zindivuyelele konk' iintshaba zam.
3. Ewe, mabangadani bonk' abathembele kuwe;mayibe ngâbo banxaxhayo amabadane.
4. Ndibonise indlela yakho, Ndikhoyo;ndifundise iindlela zakho.