Iindumiso 22:5-10 Ibhayibhile (XHO96)

5. Bakhala kuwe, wabakhulula wena;babethembele ngawe, akwabadanisa.

6. Ke mna andimntu, ndifana nqwa nombungu;ndiyintlekisa ebantwini, ndideliwe luluntu.

7. Bonk' abandibonayo bayandigxwala;bandinyevulele, bahlunguzelis' intloko besithi:

8. “Ubethembele *kuNdikhoyo, makamhlangule kaloku;makamkhulule ukuba uyamthanda.”

9. Kanti ke nguwe owawundikhusele kwasekuzalweni kwam,wandilondoloza ndisesemabeleni kama.

10. Ndahlulelwa wena kwasekuzalweni kwam;ubunguThixo wam wena ndingekazalwa.

Iindumiso 22