2. NguNdikhoyo iliwa lam; nguye inqaba yam; nguye umkhuseli wam.Xa ndizimele ngoThixo wam ndihlala ndikhuselekile.Nguye ikhaka lam, nguye ondigcina ndifihlakele.
3. Ndithi ndakukhala kuNdikhoyo,asuke andithi hlasi kwiintshaba zam.Ngenene, makabongwe uNdikhoyo!
4. Bendirhintyelwe ziintambo zokufa,amaza arhaxayo endigubungele.
5. Ukufa bekundirhangqile,ingcwaba selivuleke lithe ng'aa.