Iindumiso 16:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndikhusele kaloku, Thixo;ndithembele ngawe.

2. Ewe, ndiyazibika, *Ndikhoyo; nguwe iNkosi yam;ngaphandle kwakho, Mhlekazi, andinabani.

3. Kuba mna ulonwabo lwam luphakathi kwemilowo yakwaThixo;nditsho leyo itshatsheleyo kweli hlabathi.

4. Bazandisel' iintsizi abo bazinyulela *thixo wumbi.Andiyi kuba nanxaxheba kumadini abo;andiyi kubanqula ngomlomo wam oothixo babo.

5. Nguwe kuphela, Ndikhoyo, inxaxheba endiyabelweyo;lisentendeni yesandla sakhw' ibango lam.

6. Isabelo sam sisendaweni entle;hayi ukuba lihle kwalo ilifa lam!

7. Mbongeni uNdikhoyo ngokuba endiphe icebo;nesazela sam siyandiluleka ebusuku.

8. Ndihlala ndimbeke phambi kwam uNdikhoyo;ungasekunene kwam, ngoko ke andiyi kushukunyiswa nto.

9. Yiyo ke loo nto ndihleli ndichwayitile nje;ngenene ndiziva ndikhuselekile.

Iindumiso 16