1. Aa! Bayethe, Mhlekazi!Memelelani niculele *uNdikhoyo ingoma entshaabongwa ngayo ebandleni lakhe labanyanisekileyo!
2. USirayeli makagcobe agcolode ngoMdali wakhe;oonyana beZiyon mabachulumache ngoKumkani wabo.
3. Mabadude bamdumise bememelela,betsholoza bembonga ngegubu nekatala.
4. Kaloku uNdikhoyo akaziva ngosapho lwakhe;abazithobayo ubathi jize ngoloyiso!
5. Imilowo yakhe mayitaka-take ngemincili;mayimemelele ngemihlali naxa ilalayo;
6. mayitsho ngentsholo idumisa uThixo,amakrele abazwe macala esezandleni,
7. ukuze iphakele iintlanga impindezelo,ixhaphaze izizwe ngesohlwayo,
8. ibasonge ibakhonkxe ookumkani ngamakhamandela,zona izikhulu zabo izikhuleke ngemixokelelwana,