Iindumiso 148:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Aa! Bayethe, Mhlekazi!Bongan' *uNdikhoyo, nimdumise emazulwini;mdumiseni kweliphezulu!

2. Mbongeni, nonke nina zithunywa zakhe;mdumiseni, nani mikhosi yakhe!

3. Mbongeni, wena langa nawe nyanga;mdumiseni, nonke zinkwenkwezi eziqaqambileyo!

4. Mbongeni, nani mazulu asemajuku-jukwini;ewe, makube njalo nakuni, manzi angaphaya kwesibhakabhaka!

5. Ewe, mazilidumise igama likaNdikhoyo;kaloku yena wathetha ngelizwi, zabakho ke zona.

6. Wazimisela ukuze zihlale zihleli nanini-nanini;ewe, wazimisela umda ongasoze washukunyiswa.

7. Dumani kuNdikhoyo nalapha emhlabeni!Nditsho kuni, bominenga, nani nonke, manzi anzongonzongo,

8. wena mlilo, nawe sichotho, khephundini, nani mafu,nawe saqhwithi sofezekisa ilizwi lakhe.

Iindumiso 148