1. Aa! Bayethe, Mhlekazi!Bongan' *uNdikhoyo, nimdumise emazulwini;mdumiseni kweliphezulu!
2. Mbongeni, nonke nina zithunywa zakhe;mdumiseni, nani mikhosi yakhe!
3. Mbongeni, wena langa nawe nyanga;mdumiseni, nonke zinkwenkwezi eziqaqambileyo!
4. Mbongeni, nani mazulu asemajuku-jukwini;ewe, makube njalo nakuni, manzi angaphaya kwesibhakabhaka!
5. Ewe, mazilidumise igama likaNdikhoyo;kaloku yena wathetha ngelizwi, zabakho ke zona.
6. Wazimisela ukuze zihlale zihleli nanini-nanini;ewe, wazimisela umda ongasoze washukunyiswa.
7. Dumani kuNdikhoyo nalapha emhlabeni!Nditsho kuni, bominenga, nani nonke, manzi anzongonzongo,