1. Makabongwe *uNdikhoyo ondikhuselayo,yena ondiqeqeshela idabi,andenze ndiyiqulele imfazwe.
2. Yena ulixhadi nenqaba yam,umqolomba nomhlanguli wam,umkhuseli endincathama ngaye.Izizwe uzifaka phantsi kwam.
3. Awu, Ndikhoyo, yaz'ba kuxa eyintoni na umntule nto ude uzidube ngaye?Ngani ukuba ude uzikhathaze ngaye?
4. Umntu ufana nqwa nomphunga,imihla yakhe injengesithunzi sisiya kusithela.
5. Wakuwashukumisa amazulu, Ndikhoyo,suka akhahleleke phantsi.Wakuzichukumisa iintaba zithuquza umsi.
6. Lekuza ngemibane, ubasarhaze;binza ngeentolo batsho baduba-dubeke.