Iindumiso 141:3-9 Ibhayibhile (XHO96)

3. Ndikhoyo, wumisele umlindi umlomo wam;imilebe yam mayihlale yalusiwe.

4. Ndenze ndikucezele ukwenza ububi,ndingazixakekisi ngezenzo zenkohlakalo,ndingahambisani nabantu abakhohlakeleyo.Mandingaze ndizixhamle izimuncu-muncu zabo.

5. Noba lingandohlwaya ilungisa – yinyhweba leyo;nokuba liyandikhalimela – yintsikelelo leyo;ewe, andinakuphikisana nayo.Umthandazo wam uchasene nezenzo zamatshijolo.

6. Iziphathamandla ke zophoswa emaweni;izikhohlakali ke zona zotsho ziqonde,zivume ukuba amazwi am afanelekile.

7. Bosuka baphoxise ke bathi:“Kutsho kwangathi kuyakhutyelwa,namathambo ethu nango ethe saa;ewe, athe xhaxhe ngamangcwaba.”

8. Ke mna ndijonge enkalwenikuwe, Ndikhoyo, Thixo wam.Ndilangazelela ukukhuselwa nguwe;ungandishiyi ndisesichengeni.

9. Ndihlangule kwimigibe abandibekele yona,nakuzo izabatha zabakhohlakeleyo.

Iindumiso 141