Iindumiso 141:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. *Ndikhoyo, ndibhenela kuwe; nceda ndivelele.Khawubek' iindlebe, usabele ndakukhala.

2. Umthandazo wam mawube sisiqhumiso kuwe,ukuphakama kwezandla zam kube ngumnikelo wamatshona.

3. Ndikhoyo, wumisele umlindi umlomo wam;imilebe yam mayihlale yalusiwe.

Iindumiso 141