Iindumiso 140:1-12 Ibhayibhile (XHO96)

1. *Ndikhoyo, ndihlangule kubantu abagwenxa;ndilondoloze ndingenzakaliswa zizijama-nkungwini,

2. kwabasoloko beyila amayelenqe,behamba bephemba uchuku,

3. abalwimi zilenca njengezeenyoka,abamilomo inobuhlungu obunjengoberhamba.

4. Ndikhoyo, ndaluse ndingabi lixhoba lezikhohlakali;ndilondoloze ndingawi ezandleni zezijama-nkungwiniezifutha amacebo okunditshabalalisa.

5. Izibhoxi zindimbela umhadi,zona ziyandithiyisela zindigcayisele;ewe, zindibekela izabatha endleleni.

6. Hoyina! Ndibhenela kuwe, Ndikhoyo; ndithi:“Wena unguThixo wam.”Ndive, ndiyatarhuzisa, Mhlekazi.

7. Athi ke wena, Ndikhoyo, Nkosi yam,Mandlandini andisindisayo,wena ulixhadi lam mhla ngedabi.

8. Mayingafezeki iminqweno yezikhohlakali, Ndikhoyo;mazibuye nembande yesikhova kumayelenqe azo.

9. Abo bandirhawulayo bayabhobhoza;izisongelo zabo mazenzakalise kwabona.

10. Akwaba bebengabuxulwa ngamalahle avuthayo,bahalakatsheke enzonzobileni, bangaze babuye.

11. Abaphixanisi mabangaze bahlume;izijama-nkungwini mazonganyelwe bububi, zitshabalale.

12. Ndiyazi ukuba wena uyabalungiselela abacinezelweyo;ewe, Ndikhoyo, uyababonelela abo bagqush' eluthulini.

Iindumiso 140