Iindumiso 14:2-7 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ke yena *uNdikhoyo ubabukele abantu;uhlel' ezulwini efuna ukuqondaukuba ngaba sikho na isilumko,nditsho ofuna ukunqula uThixo.

3. Kambe ke bonke bemkile,xa bebonke bonakele;kuba akakho olungisayo,nditsho nokuba abe mnye.

4. Abanangqondo na abakhohlakeleyo;abo baxhaphaza amawethu, ngathi batya isonka,bangamnquliyo nokumnqula uNdikhoyo?

5. Baya kunkwantya benkwantyile,kuba uThixo ukunye nĂ¢bo bamthobeleyo.

6. Nangona aminxwayo amacebo osizana,nguNdikhoyo olixhadi lalo.

7. Akwaba ingavela eZiyon inkululeko yamaSirayeli,akuba uNdikhoyo eyibuyisile inkqubela yabantu bakhe.AbakwaYakobi baya kugcoba;ewe, ochulumacha amaSirayeli.

Iindumiso 14