Iindumiso 137:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngasemilanjeni yaseBhabheli sahlala phantsi sagixa sakucinga *ngeZiyon.

2. Iikatala zethu sazixhoma emingcunubeni kwalapho.

3. Kaloku abo babesithimbile suka bathi:“Khanisonwabise ngengoma;khanihlabele enye kwezaseZiyon.”

4. Besingathini kambe ukucula *ezikaNdikhoyo kwelasemzini!

5. Ukuba ndingakulibala, Jerusalem, sanga singashwabana isandla sam sokunene.

6. Malunamathele ezinkalakahleni ulwimi lwam, ukuba ndinokukulibala,xa ndinokusuka ndingayibaluli iJerusalem njengeyona ntshinga yovuyo lwam.

Iindumiso 137