Iindumiso 135:7-13 Ibhayibhile (XHO96)

7. Ngumavus' iingqimba zamafu eziphelweni zehlabathi,ulokhaph' imvula ngemibane elenyayo,aze akhuph' isaqhwithi ngendlu yaso.

8. Kaloku nguye owabhubhisa amazibulo eJiputa;ewe, wageqa awabantu nawezilwanyana.

9. Kanye phakathi kwelaseJiputawenza imiqondiso nemimangaliso,wamohlwaya ukumkani nezicaka zakhe.

10. Wazingenela izizwe, kwajub' ugodo,wabageqa ookumkani abaziwayo.

11. Nditsho ooSihon ukumkani wama-Amori,noo-Ogi ukumkani waseBhashan,nazo zonke izikumkani zaseKanana.

12. Umhlaba wazo wona wawohlutha,waza waba lilifa labantu bakhe amaSirayeli.

13. Igama lakho, Ndikhoyo, lohlala ngonaphakade;udumo lwakho lovakala kwizizukulwana ngezizukulwana.

Iindumiso 135