Iindumiso 132:3-18 Ibhayibhile (XHO96)

3. Wathi: “Andisayi kugoduka, ndingasayi kulala,

4. ngenene andisoze ndiwavale amehlo,ndingasoze ndibuthurhe ubuthongo,

5. ndingamakhelanga umzi uNdikhoyo,nditsho ikhaya lengangalala kaYakobi.”

6. Ewe, seva ngaloo mnqophiso e-Efrata,sagagana nawo kumathafa aseYeharim, sathi:

7. “Masiye kuye ebhotwe;masiye kumnqula simkhahlele.”

8. Ndikhoyo, khawuye endaweni yakho yokuphumla,wena ndawonye netyesi yomnqophiso;nditsho leyo ingumqondiso wamandla akho.

9. Ababingeleli mabavathe ubulungisa,abantu bakho batsholoze ngovuyo.

10. Ngenxa yesicaka sakho uDavideungamfulatheli umthanjiswa wakho.

11. Kaloku, Ndikhoyo, wamenzela isifungo uDavide,futhi ke soze usijike, usithi:“Omnye koonyana besinqe sakhondiya kumthambisa abe ngukumkani,angene esikhundleni sakho.

12. Ukuba ke bathe bawugcinaumnqophiso lo oonyana bakho,kwanemimiselo endibafundisa yona,noonyana babo bolawula,bachophe esikhundleni sakho ngonaphakade.”

13. Kaloku uNdikhoyo uyinyule iZiyon;uyikhethele ukuba ibe likhaya lakhe, esithi:

14. “Eli likhaya lam lokuphumla naphakade;ndiya kuma apha ngokomnqweno wam.

15. Ndiya kuyithi jize ngentabalala yendyebo;abahlelelekileyo ndiya kubondla.

16. Ababingeleli bovatha usindiso,abantu bam batsholoze ngemihlali.

17. Kuya kuvela omnye kubazukulwana bakaDavide;ndiya kuwugcina umlibo womthanjiswa wam.

18. Iintshaba zakhe ndozigalela ngehlazo;ke olwakhe ulawulo loba nesidima nenkqubela.”

Iindumiso 132