15. Ndiya kuyithi jize ngentabalala yendyebo;abahlelelekileyo ndiya kubondla.
16. Ababingeleli bovatha usindiso,abantu bam batsholoze ngemihlali.
17. Kuya kuvela omnye kubazukulwana bakaDavide;ndiya kuwugcina umlibo womthanjiswa wam.
18. Iintshaba zakhe ndozigalela ngehlazo;ke olwakhe ulawulo loba nesidima nenkqubela.”