Iindumiso 132:12-18 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ukuba ke bathe bawugcinaumnqophiso lo oonyana bakho,kwanemimiselo endibafundisa yona,noonyana babo bolawula,bachophe esikhundleni sakho ngonaphakade.”

13. Kaloku uNdikhoyo uyinyule iZiyon;uyikhethele ukuba ibe likhaya lakhe, esithi:

14. “Eli likhaya lam lokuphumla naphakade;ndiya kuma apha ngokomnqweno wam.

15. Ndiya kuyithi jize ngentabalala yendyebo;abahlelelekileyo ndiya kubondla.

16. Ababingeleli bovatha usindiso,abantu bam batsholoze ngemihlali.

17. Kuya kuvela omnye kubazukulwana bakaDavide;ndiya kuwugcina umlibo womthanjiswa wam.

18. Iintshaba zakhe ndozigalela ngehlazo;ke olwakhe ulawulo loba nesidima nenkqubela.”

Iindumiso 132