Iindumiso 123:2-4 Ibhayibhile (XHO96)

2. Kaloku namaphakathi ajonga izinwe zenkosi yawo,nanjengokuba namaphakathikazi elindele izinwe kwinkosazana.Nathi ke senjenjalo ukukhangela kuwe, Ndikhoyo Thixo wethu,ude wena usenzele inceba.

3. Awu, Ndikhoyo, sikwa yimfesane;velana nathi, siyakubongoza!Koda kube nini sisisigculelo?

4. Ewe, kudala sinyamezele, sigxijwa ngabazingcayo,sidodotyaliswa ngabacinezeli abanekratshi.

Iindumiso 123