Iindumiso 120:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ndazibika *kuNdikhoyo ndixhwalekile;yena wandiva, wasabela.

2. Ndathi: “Mhlekazi, ndihlangulekumaxoki nakubakhohlisi.”

3. Nithi makenze ntoni ngani uThixo?Nisalindele ntoni eyenye, maxokindini,

4. ngaphandle kotolo lwemfazwe olubukhali,ngokunjalo neziko elimalahle avuthayo!

5. Athi ke mna, mnt' ubhacele kwaMesheki,mna mntu uxhwarhe phakathi kwamaKedare!

Iindumiso 120