Iindumiso 119:87-106 Ibhayibhile (XHO96)

87. Sebephantse bandicim' igama,kanti ke unotshe ukuba ndiyilahle imimiselo yakho.

88. Ngenxa yezibele zakho ndihlaziye,ukuze ndihambe ngokwezithethe zakho.

89. *Ndikhoyo, ilizwi lakho sisimakade;lithe zinzi emazulwini.

90. Wena uya kuhlala uthembekile;ihlabathi walenza, soze lashukuma.

91. Izigqibo zakho zohlala zihleli;iinto zonke zikhahlela kuwe.

92. Ukuba bendingawulangazeleli umyalelo wakhongezindibulele iimbandezelo.

93. Soze ndiyityeshele imimiselo yakho,kuba ndibufumana kuyo ubomi.

94. Mna ndingowakho, ndisindise,kuba ndiyayilandela imimiselo yakho.

95. Abakhohlakeleyo bafuna ukunditshabalalisa;ke mna ndiyayetyisa imfundiso yakho.

96. Ndiyaqonda ukuba ayikho into efezekileyo;ke yona imiqathango yakho ayinantanga ngemfezeko.

97. Ndiyawuthanda kambe umyalelo wakho;ndiphicothana nawo imini yonke.

98. Iziyalo zakho zendele kum;zindenza ndilumke kuneentshaba zam.

99. Ndibavelele nabafundisayo,kuba ndizinonelele iimfundiso zakho.

100. Ngokuqonda nditshatshele nakwabadala,kuba ndiyazithobela izithethe zakho.

101. Ndiyazicezela iindlela ezinengozi,kuba ndithobela ilizwi lakho.

102. Andiphambuki kwisigwebo sakho,njengoko wandifundisayo.

103. Izithembiso zakho zimnandi, ziyanandipheka;ewe, ziyolile kunobusi.

104. Imfundiso yakho indivul' ingqondo,ngoko ke ndibuthiyil' ubugwenxa.

105. Ilizwi lakho sisibane sendlela yam;liyandikhanyisela eluhambeni.

106. Ndizibophelele ngesifungo;ndiya kusithobela isigwebo sakho.

Iindumiso 119