83. Andinto yanto, ndigqole oku kwentsuba yewayini esemsini;kambe ke andiyilibalanga imithetho yakho.
84. Koda kube nini sinyamezele isicaka sakho?Ngani ungabohlwayi nje abanditshutshisayo?
85. Abanekratshi bayandithiyela,abo bangawuthobeliyo umyalelo wakho.
86. Imiqathango yakho ithembekile;nceda, nĂ¢bo bendibhijela ngobuxoki.
87. Sebephantse bandicim' igama,kanti ke unotshe ukuba ndiyilahle imimiselo yakho.
88. Ngenxa yezibele zakho ndihlaziye,ukuze ndihambe ngokwezithethe zakho.
89. *Ndikhoyo, ilizwi lakho sisimakade;lithe zinzi emazulwini.
90. Wena uya kuhlala uthembekile;ihlabathi walenza, soze lashukuma.
91. Izigqibo zakho zohlala zihleli;iinto zonke zikhahlela kuwe.
92. Ukuba bendingawulangazeleli umyalelo wakhongezindibulele iimbandezelo.
93. Soze ndiyityeshele imimiselo yakho,kuba ndibufumana kuyo ubomi.
94. Mna ndingowakho, ndisindise,kuba ndiyayilandela imimiselo yakho.
95. Abakhohlakeleyo bafuna ukunditshabalalisa;ke mna ndiyayetyisa imfundiso yakho.
96. Ndiyaqonda ukuba ayikho into efezekileyo;ke yona imiqathango yakho ayinantanga ngemfezeko.
97. Ndiyawuthanda kambe umyalelo wakho;ndiphicothana nawo imini yonke.
98. Iziyalo zakho zendele kum;zindenza ndilumke kuneentshaba zam.
99. Ndibavelele nabafundisayo,kuba ndizinonelele iimfundiso zakho.
100. Ngokuqonda nditshatshele nakwabadala,kuba ndiyazithobela izithethe zakho.