66. Ndithi jize ngobulumko nokuqonda,kuba mna ndikholosa ngemiqathango yakho.
67. Phambi kokuba undohlwaye ndandibhadula,kodwa ngoku ndiyalithobela ilizwi lakho.
68. Hay' ukulunga kwakho, uyindlezane!Khawundifundise imithetho yakho.
69. Izikhohlakali zindityabeka ngobuxoki,kodwa mna ndithobela imimiselo yakho ngomxhelo wam wonke.
70. Zona zingamagumasholo angachukumisekiyo;ke mna ndithakazelela umyalelo wakho.
71. Ewe, tshotsh' undohlwaye, Ndikhoyo,ukuze ndiyifunde imithetho yakho.
72. Umyalelo wakho kum ubhetele kunobutyebi,nditsho nkqu nekhipha legolide nesiliva.
73. Ndinje nje nje ndidalwe nguwe;ndifundise ndiziqonde iziyalo zakho.
74. Abakuthobelayo bovuya bakundibona,kuba mna ndikholosa ngamadinga akho.
75. Ndiyakuvuma ukufaneleka kwesigwebo sakho;ewe, *Ndikhoyo, undohlwaye ngakhona.
76. Ndithuthuzele ngezibele zakho,njengoko wasithembisayo isicaka sakho.
77. Velana nam, ukuze ndiphile,kuba iqhayiya lam ngumyalelo wakho.
78. Zona izibhoja mazihlazeke,kuba zindirhintyela ngobuqili;ke mna ndocamngca ngemimiselo yakho.
79. Mabeze kum bonke abakuthobelayo,abo bayiqondayo imfundiso yakho.
80. Mandingabi nabala kwimithetho yakho,khon' ukuze ndingahlazeki.
81. *Ndikhoyo, kuncamekile kum, ndisindise!Ithemba lam lilizwi lakho.
82. Amehlo amnyama kukujong' enkalweni;yaz'ba uya kundithuthuzela nini na?
83. Andinto yanto, ndigqole oku kwentsuba yewayini esemsini;kambe ke andiyilibalanga imithetho yakho.