Iindumiso 119:59-70 Ibhayibhile (XHO96)

59. Ndiyiqondile indlela endiziphethe ngayo;ngoko ke ndibuyela kwizithethe zakho.

60. Sendingxamile, andisayi kulibazisa;ndozithobela iziyalo zakho.

61. Noba bangandirhintyela abakhohlakeleyo,soze ndiwulibale umyalelo wakho.

62. Nasezinzulwini zobusuku ndiyavuka;ewe, ndivuka ndikudumise ngenxa yokusulungeka kwesigwebo sakho.

63. Amaqabane am ngabakuthobelayo,abahamba ngemimiselo yakho.

64. Ihlabathi liphuphuma izibele zakho, Ndikhoyo;nceda undifundise imithetho yakho.

65. *Ndikhoyo, usazelelele isicaka sakho;wenze ngokwesithembiso sakho.

66. Ndithi jize ngobulumko nokuqonda,kuba mna ndikholosa ngemiqathango yakho.

67. Phambi kokuba undohlwaye ndandibhadula,kodwa ngoku ndiyalithobela ilizwi lakho.

68. Hay' ukulunga kwakho, uyindlezane!Khawundifundise imithetho yakho.

69. Izikhohlakali zindityabeka ngobuxoki,kodwa mna ndithobela imimiselo yakho ngomxhelo wam wonke.

70. Zona zingamagumasholo angachukumisekiyo;ke mna ndithakazelela umyalelo wakho.

Iindumiso 119