54. Imithetho yakho yingoma yam;ndimemelela ngayo xa ndikwelasemzini.
55. Ndicinga ngawe noba ndilele, *Ndikhoyo;ewe, ndiyayithobela imiyalelo yakho.
56. Ngenene mna andinakumbi,koko ndithobela imimiselo yakho.
57. Ndathi ke mna: Isabelo sam nguwe, *Ndikhoyo;ndiya kulithobela ilizwi lakho.
58. Awu, velana nam, ndiyakubongoza;ndibabale ngokwesithembiso sakho.
59. Ndiyiqondile indlela endiziphethe ngayo;ngoko ke ndibuyela kwizithethe zakho.
60. Sendingxamile, andisayi kulibazisa;ndozithobela iziyalo zakho.
61. Noba bangandirhintyela abakhohlakeleyo,soze ndiwulibale umyalelo wakho.
62. Nasezinzulwini zobusuku ndiyavuka;ewe, ndivuka ndikudumise ngenxa yokusulungeka kwesigwebo sakho.
63. Amaqabane am ngabakuthobelayo,abahamba ngemimiselo yakho.
64. Ihlabathi liphuphuma izibele zakho, Ndikhoyo;nceda undifundise imithetho yakho.
65. *Ndikhoyo, usazelelele isicaka sakho;wenze ngokwesithembiso sakho.
66. Ndithi jize ngobulumko nokuqonda,kuba mna ndikholosa ngemiqathango yakho.
67. Phambi kokuba undohlwaye ndandibhadula,kodwa ngoku ndiyalithobela ilizwi lakho.
68. Hay' ukulunga kwakho, uyindlezane!Khawundifundise imithetho yakho.