Iindumiso 119:51-58 Ibhayibhile (XHO96)

51. Abangakhathalele Thixo baphoxisa ngam;kambe ke mna andihexi emyalelweni wakho.

52. Ndakukhumbula izimiso zakho zantlandlolo,nditsho ndithuthuzeleke, *Ndikhoyo.

53. Ndikhathazeka gqitha ndakubona abanxaxhayo,abo bangawukhathalelanga umyalelo wakho.

54. Imithetho yakho yingoma yam;ndimemelela ngayo xa ndikwelasemzini.

55. Ndicinga ngawe noba ndilele, *Ndikhoyo;ewe, ndiyayithobela imiyalelo yakho.

56. Ngenene mna andinakumbi,koko ndithobela imimiselo yakho.

57. Ndathi ke mna: Isabelo sam nguwe, *Ndikhoyo;ndiya kulithobela ilizwi lakho.

58. Awu, velana nam, ndiyakubongoza;ndibabale ngokwesithembiso sakho.

Iindumiso 119