Iindumiso 119:3-10 Ibhayibhile (XHO96)

3. abantu abangabenziyo ububi,koko abahamba endleleni kaNdikhoyo.

4. Kaloku wena, Ndikhoyo, wasinika imimiselo yakho,ukuze siyithobele ngenyameko.

5. Akwaba bendingachul' ukunyathela,ndiyinonophele imithetho yakho.

6. Ukuba ndizibambile iziyalo zakho,andisoze ndibhaqwe lihlazo.

7. Ndakusazi isigwebo sakho esingenagobe,ndiya kukuncoma ngenene nangenyaniso.

8. Mna ndiya kuyithobela imithetho yakho;awu, nceda ungandilahli kuphele.

9. Lungaziphatha kanjani ulutsha ukuze ihambo yalo ibe nyulu?Ngokuthobela ilizwi lakho.

10. Ndizimisele ukukulandela ngokupheleleyo;ndincede ndingaze ndizidele iziyalo zakho.

Iindumiso 119