28. Iinzingo ziwuvikivile umoya wam;khawundomeleze ngokwelizwi lakho.
29. Ndihlangule kuyo inkohliso;ewe, ndibabale undifundise imiyalelo yakho.
30. Ndenze isigqibo sokuba ndinyaniseke;ndizimisele ukusithobela isigwebo sakho.
31. Ndinamathele kwizithethe zakho, *Ndikhoyo,ngoko ke mandingaphoxeki.
32. Ndiya kuhamba ngokwemiqathango yakho,kuba wena uyivulile ingqiqo yam.
33. Awu, *Ndikhoyo, ndifundise imithetho yakho,ukuze ndihlale ndiyithobela maxa onke.
34. Ndivule ingqondo, ndiwuthobele umyalelo wakho;ndiya kuwulandela ngomxhelo wam wonke.
35. Ndikhokele ngeziyalo zakho,kuba zona ziligugu lam.
36. Intliziyo yam mayinxanele imfundiso yakhondaweni yokusukelana nenzuzo yobuqhophololo.
37. Ndincede ndingalibali zizinto eziphuthileyo;mandiphile ngokwenza ukuthanda kwakho.
38. Idinga lakho malifezekiswe kum, mna sicaka sakho;kaloku lelâbo bakuthobelayo.
39. Ndihlangule ezenyelisweni, kuba ndiyazoyika;ke zona izigqibo zakho zifezekile.