Iindumiso 119:17-33 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ndazelele, mna sicaka sakho,ukuze ndibudle ubomi, ndilithobele ilizwi lakho.

18. Nceda undivule amehlo,ndiziqonde iintsonkotha ezisemyalelweni wakho.

19. Ndilundwendwe apha emhlabeni;ndicacisele imiqathango yakho.

20. Umoya wam uhlala wonganyelwekukulangazelela isigwebo sakho.

21. Wena uyabakhalimela abaziphakamisayo;baseshweni abanxaxhayo kwiziyalo zakho.

22. Ndihlambe kwizinyeliso nezigculelo,kuba ndiyayithobela imfundiso yakho.

23. Nokuba zingade zindibhunge iziphathamandla,mna sicaka sakho ndiya kucamngca ngemithetho yakho.

24. Kambe ke andiziva ngezithethe zakho,kuba ziyintonga yam yasekhosi.

25. Awu, ndiphelelwe, ndiyimvuthuluka;ndihlaziye ngokwesithembiso sakho.

26. Undivile ndakuzandlala;nceda undifundise imithetho yakho.

27. Ndifundise amasolotya emimiselo yakho,khon' ukuze ndicamngce ngemimangaliso yakho.

28. Iinzingo ziwuvikivile umoya wam;khawundomeleze ngokwelizwi lakho.

29. Ndihlangule kuyo inkohliso;ewe, ndibabale undifundise imiyalelo yakho.

30. Ndenze isigqibo sokuba ndinyaniseke;ndizimisele ukusithobela isigwebo sakho.

31. Ndinamathele kwizithethe zakho, *Ndikhoyo,ngoko ke mandingaphoxeki.

32. Ndiya kuhamba ngokwemiqathango yakho,kuba wena uyivulile ingqiqo yam.

33. Awu, *Ndikhoyo, ndifundise imithetho yakho,ukuze ndihlale ndiyithobela maxa onke.

Iindumiso 119