166. Ndikhoyo, ndijonge kuwe, ndisindise;kaloku ndizithobele iziyalo zakho.
167. Imfundiso yakho ndiyilandela ngomoya wam wonke;kaloku andizenzi, ndiyayithanda.
168. Ndiyayithobela imimiselo nezithethe zakho,kambe ke wena wazi konke ngam.
169. Ndiyatarhuzisa; ndive, *Nkosi;ndivul' ingqondo ngokwesithembiso sakho.
170. Ndiyakubongoza, ndiphulaphule;ndihlangule njengoko wathembisayo.
171. Ndiya kusoloko ndikuncoma, ndikubonga,kuba uyandifundisa imithetho yakho.
172. Ingoma yam ngamadinga akho;kaloku iziyalo zakho zilungile.
173. Hlala ulungele ukundinceda;kaloku ndizikhethele imimiselo yakho.
174. Wowu! Ndiyakulangazelela ukusindiswa!*Ndikhoyo, andiziva ngemithetho yakho!
175. Ndiphe ubomi, ukuze ndikudumise;isigqibo sakho masindixhase.
176. Ndibhadula njengegusha elahlekileyo.Awu, phuthuma usifune isicaka sakho,kuba andiyilibali imiqathango yakho!