14. Kum ziluyolo izithethe zakho;zingaphezu kwabo bonke ubutyebi.
15. Ndiya kucamngca ngemimiselo yakho,ndizinyamekele iindlela zakho.
16. Ndiyayithakazelela imithetho yakho;soze ndilityeshele ilizwi lakho.
17. Ndazelele, mna sicaka sakho,ukuze ndibudle ubomi, ndilithobele ilizwi lakho.
18. Nceda undivule amehlo,ndiziqonde iintsonkotha ezisemyalelweni wakho.
19. Ndilundwendwe apha emhlabeni;ndicacisele imiqathango yakho.
20. Umoya wam uhlala wonganyelwekukulangazelela isigwebo sakho.
21. Wena uyabakhalimela abaziphakamisayo;baseshweni abanxaxhayo kwiziyalo zakho.
22. Ndihlambe kwizinyeliso nezigculelo,kuba ndiyayithobela imfundiso yakho.
23. Nokuba zingade zindibhunge iziphathamandla,mna sicaka sakho ndiya kucamngca ngemithetho yakho.
24. Kambe ke andiziva ngezithethe zakho,kuba ziyintonga yam yasekhosi.
25. Awu, ndiphelelwe, ndiyimvuthuluka;ndihlaziye ngokwesithembiso sakho.
26. Undivile ndakuzandlala;nceda undifundise imithetho yakho.
27. Ndifundise amasolotya emimiselo yakho,khon' ukuze ndicamngce ngemimangaliso yakho.
28. Iinzingo ziwuvikivile umoya wam;khawundomeleze ngokwelizwi lakho.
29. Ndihlangule kuyo inkohliso;ewe, ndibabale undifundise imiyalelo yakho.