131. Ndisuka ndikhefuze ndithe nkebe,kuba ndiyazilangazelela iziyalo zakho.
132. Khawuze kum undibabale,kakade wenjenjalo kwabakuthandayo.
133. Khawundisekele ngokwesithembiso sakho,ungandiyekeli ndonganyelwe bububi.
134. Ndikhulule kwingcinezelo yabantu,ukuze ndiyenze imimiselo yakho.
135. Ndivelele undazelelele,undifundise imithetho yakho.
136. Ngenxa yabantu abangawuthobeliyo umthetho wakhozitsho ziphalale iinyembezi kum.
137. Hayi kambe ukulunga kwakho, *Ndikhoyo!Ewe, isigwebo sakho asinagobe.
138. Usinika imfundiso enobulungisa;ewe, inolungelelwano, ithe ngqo.
139. Ikhwele lindongamele ngenxa yeentshabaezingalikhathalelanga ilizwi lakho.
140. Izithembiso zakho zivavanyiwe zagqwesa;ke mna ndizixabise gqitha.
141. Nakuba ndidelekile, ndingazelwa nto,andishenxi kwimimiselo yakho.
142. Ubulungisa bakho bohlala buhleli,nomyalelo wakho wohlala uthembekile.
143. Ndiphahlwe ziinzima neenkathazo,kodwa ke mna andiziva ngeziyalo zakho.
144. Imfundiso yakho iya kuhlala ifezekile;ndiphe ukuqonda, ukuze ndiphile.
145. Yo-o-o! Khawundivelele, *Mhlekazi!Ke yona imithetho yakho ndiya kuyithobela.