Iindumiso 119:119-136 Ibhayibhile (XHO96)

119. Wena izikhohlakali uzishenxisa njengenkunkuma;ngoko ke ndiyazithanda izithethe zakho.

120. Ke mna ndiziva ndikoyika;sona isigwebo sakho siyandirhwaqelisa.

121. Ndizithobele izimiso zakho, andinabala;sukundiyekela ngabo banditshutshisayo.

122. Ndivelele undilungiselele, mna sicaka sakho;mandingaxhatshazwa zizijama-nkungwini.

123. Amehlo am selenikezela, ejonge ukusindiswa,nditsho ukufezekiswa kwesithembiso sakho.

124. Ndazelelele ngokokuphuphuma kwezibele zakho,undifundise imithetho yakho.

125. Ndingowakho, ndiphe ukuqonda,ukuze ndizazi izithethe zakho.

126. Ngoku ke kungawe, *Ndikhoyo;abantu bawunyathele umyalelo wakho.

127. Iziyalo zakho ndiyazithandangaphezu kwayo negolide yodidi;

128. kungoko ndiyilandela imimiselo yakho;ke kona ukunxaxha ndikuthiyile.

129. Imfundiso yakho ibalulekile;ndoyithobela ngomxhelo wam wonke.

130. Lithi lakuchazwa ilizwi lakho kutsho kuthi qwenge;abangazi nto libanika ukuqonda.

131. Ndisuka ndikhefuze ndithe nkebe,kuba ndiyazilangazelela iziyalo zakho.

132. Khawuze kum undibabale,kakade wenjenjalo kwabakuthandayo.

133. Khawundisekele ngokwesithembiso sakho,ungandiyekeli ndonganyelwe bububi.

134. Ndikhulule kwingcinezelo yabantu,ukuze ndiyenze imimiselo yakho.

135. Ndivelele undazelelele,undifundise imithetho yakho.

136. Ngenxa yabantu abangawuthobeliyo umthetho wakhozitsho ziphalale iinyembezi kum.

Iindumiso 119