Iindumiso 119:114-129 Ibhayibhile (XHO96)

114. Wena ulikhaka nekhusi lam;ndiqamele ngelizwi lakho.

115. Khanindiyeke, nina bantu bangcolileyo,ndithobele imiqathango yoThixo wam.

116. Ndixhase ngokwesithembiso sakho,khon' ukuze ndibudle ubomi;mandingadani kukufadalala kwethemba lam.

117. Ndomeleze, khon' ukuze ndisinde,ndihlale ndinonelele imithetho yakho.

118. Wena ubachasile abanxaxhayo emithethweni yakho;kona ukundweba kwabo ngamampunge.

119. Wena izikhohlakali uzishenxisa njengenkunkuma;ngoko ke ndiyazithanda izithethe zakho.

120. Ke mna ndiziva ndikoyika;sona isigwebo sakho siyandirhwaqelisa.

121. Ndizithobele izimiso zakho, andinabala;sukundiyekela ngabo banditshutshisayo.

122. Ndivelele undilungiselele, mna sicaka sakho;mandingaxhatshazwa zizijama-nkungwini.

123. Amehlo am selenikezela, ejonge ukusindiswa,nditsho ukufezekiswa kwesithembiso sakho.

124. Ndazelelele ngokokuphuphuma kwezibele zakho,undifundise imithetho yakho.

125. Ndingowakho, ndiphe ukuqonda,ukuze ndizazi izithethe zakho.

126. Ngoku ke kungawe, *Ndikhoyo;abantu bawunyathele umyalelo wakho.

127. Iziyalo zakho ndiyazithandangaphezu kwayo negolide yodidi;

128. kungoko ndiyilandela imimiselo yakho;ke kona ukunxaxha ndikuthiyile.

129. Imfundiso yakho ibalulekile;ndoyithobela ngomxhelo wam wonke.

Iindumiso 119