113. Ndibathiyile abantu abambaxa,kodwa ndiyawuthanda umyalelo wakho.
114. Wena ulikhaka nekhusi lam;ndiqamele ngelizwi lakho.
115. Khanindiyeke, nina bantu bangcolileyo,ndithobele imiqathango yoThixo wam.
116. Ndixhase ngokwesithembiso sakho,khon' ukuze ndibudle ubomi;mandingadani kukufadalala kwethemba lam.
117. Ndomeleze, khon' ukuze ndisinde,ndihlale ndinonelele imithetho yakho.
118. Wena ubachasile abanxaxhayo emithethweni yakho;kona ukundweba kwabo ngamampunge.
119. Wena izikhohlakali uzishenxisa njengenkunkuma;ngoko ke ndiyazithanda izithethe zakho.