5. Xa ndandisebunzimeni ndabhenela kuNdikhoyo,waza yena wasabela wandihlangula.
6. Andinadyudyu, kuba uNdikhoyo ungakum;okokwakhe yena umntu akanakundenza nto konke.
7. Ngenene uNdikhoyo ungakum, uyandinceda;ngoko ke ndiya kuboyisa abandithiyileyo.
8. Into ebhetele kukuzimela ngoNdikhoyo,kunokuba uthembele ngomntu.
9. Kubhetele ukholose ngoNdikhoyo,ndaweni yokukholosa ngamanene.
10. Ndakha ndarhawulwa ziintlanga,kodwa egameni likaNdikhoyo ndaziqwakanisa.
11. Ewe, zazindirhawule mbombo zone,kodwa ngamandla kaNdikhoyo ndalalisa ugodo.
12. Wena wakha wagutyungelwa libubu leenyosi?Hayi, zazidangazela njengomlilo wameva,kodwa ngamandla kaNdikhoyo ndaziswantsulisa.
13. Zazindityhala ndaphantse ndakhahlelwa phantsi,kodwa nalapho uNdikhoyo wandinceda.
14. Ingoma yam namandla am nguNdikhoyo;ewe kaloku, ndisindiswa nguye.
15. Nantso intsholo yoloyiso ivakala;kaloku amalungisa ayamemelela,athi: “Ubungangamsha bukaNdikhoyo bugqwesile;
16. amandla kaNdikhoyo abalasele;ewe, ubungangamsha bukaNdikhoyo bugqwesile!”
17. Mna andiyi kufa; ndiya kudla ubomi,ndibalise ngezenzo zikaNdikhoyo.