Iindumiso 118:20-29 Ibhayibhile (XHO96)

20. Nali isango lokungena kwaNdikhoyo;ngamalungisa odwa angenayo ngalo.

21. Ndiyabulela kuba undivile;kaloku wena ungumhlanguli wam.

22. Kaloku ilitye abalidelayo abakhilaba lelona libalulekileyo lesiseko.

23. Ewe, lo ngumsebenzi kaNdikhoyo;kambe ke thina uyasimangalisa.

24. Namhla kunamhla, yimini kaNdikhoyo;masizonwabise sibe nemihlali ngayo.

25. Sisindise, siyakubongoza, Ndikhoyo!Awu, siyatarhuzisa, Ndikhoyo; masiphumelele ngawe!

26. Banoyolo abangena ngegama likaNdikhoyo;siyanithamsanqela thina sisendlwini kaNdikhoyo.

27. UNdikhoyo nguThixo, usikhanyisele.Yenzani umngcelele wokubulela, niphethe amahlamvu,ningqungqe, nilijikeleze iqonga lamadini.

28. UnguThixo wam, ndiyakubulela;ubungangamsha bakho, Thixo, ndiya kububhengeza.

29. Mdumiseni uNdikhoyo, kuba elungile;izibele zakhe zohlala zihleli.

Iindumiso 118